


Kumatheko Ethu
Okubhiyozela . Umhla
Wokuzalwa
EIi lithuba Iakho lokuba udibane nabahlobo bakho bakwaBONA. Sixelele into onqwenela sibhale ngayo kwimagazini oyithandayo, uze uzibandakanye nathi
kwitheko Iokubhiyozela ukugqiba iminyaka engama-40
kwamketwa
afike emva kwexesha.

yempumelelo!
U

 KUBA uhlala eSoweto, ePitoli,
eKapa okanye emNtla Natal,
unokuba lundwendwe olubalulekileyo nosapho lwakho kwelinye lamatheko ethu onokuzuza namabhaso angayiwayo kuwo nabantwana bakho. Kuza kubakho amabhaso angayiwayo - kanti kuza kubakho ukutya neziselo nezinye izinto eziya kulenza itheko lisoloko likhumbuleka.

Nazi  izinto eninokuzonwabela nosapho lwakho!

* livawutsha zakwaACKERMANS

ezixabisa i-R1 000l
* lipentihowusi zakwaMiss Cameo ezixabisa i-R300 zabantwana abaneminyaka emi-6 ukuya kwesi-8.
* lzikipha zakwaBona nezakwaAckermans.
Amabhaso.
* libhaluni zabantwana.
*	lzinto zokudlala zabantwana. Uya kufumana nethuba Iokubona uMr Barbie noMr Tip!
ltheko ngalinye liya kuqala ngo-5.30 matshona ukuya ngo-7.OO ngorhatya ngeveki yokugqibela kuOktobha. Kuza kubakho amashwam-shwam nesiselo sencindi yeziqhamo sakwaCapri-Sonne.

Uyafuna ukuya kweli theko
Kuhle ke xa unqwenela!
Zalisa ikhuphoni engezantsi, uqinisekise ukuba ubhale idilesi echanileyo uze uyithumele kuthi ngokukhawuleza. Yithumele ngokukhawuleza ibe seyifikile kuthi ngomhla we-4 kuOktobha 1996, kwaye akayi
amangenelo









UZozuko Dlamini oneminyaka emithathu (umzukulu kaMongameli Mandela), encediswa nguNatalie Benard (owaphuma kwlndawo yesibini kukhuphiswano Iuka1995 lukaMiss South Africa) ekubekeni Iipakethe' zokugqibela zokwakha imoto.
Imoto epheleleyo eyakhiwe ngeepakethe
zesiselo.	y







Umasakhane  Wokhuseleko Ezindleleni



Libe nempumelelo engummangaliso iphulo le-StayAlert, Stay AIive Road Safety Project ebilikwiziko leevenklle IaseNorthgate kutshanje.
kubhale uFRANCIS BARIT kufote abakwaAGFA

UNatalie Benard noZenani Mandela-Dla mini (intombi kaMongameli Mandela) onikwe iwonga lokugqibezela ukwakha
imoto,	Y



















NJENGOKO kubonakala ukuba  ukuqhuba kwabantu benxilile kuko okusuba imiphefumlo yabantu kakhuulu kwiingozi zendlela, kubalulekile ukusetyenziswa kweendlela ezohlukeneyo ukulumkisa abantu baseMzantsi-Afrika ngeengozi zokuqhuba unxilile. Oko kwenze iphulo lePick n Pay Stay Alert, Stay Alive lidibane neA.A. Road Traffic Safety Foundation ekwenzeni amaphulo aliqela.
Ukuze uluntu luziqonde iingozi zokuqhuba unxilile iphulo lePick n Pay Stay Alert, Stay Alive neA.A. Road Traffic Safety Foundation zigqibe ekubeni iphulo layo Iiqhutywe ngohlobo lwe-Masakhane. Kweli phulo bekusakhiwa imoto ngeepakethe zesiselo.
EIi phulo beliyimpumelelo enkulu nelitsale abantu abaninzi belisePick n Pay Northgate Hypermarket. Ngeepalethi ezintlanu zeCoca-Cola kwakhiwe imoto eneefestile, indawo evulwayo ngaphezulu, izibane nebhampa - xa sibala nje ezimbalwa. Kwangelo xesha abantwana bebesenza iimoto
ezincinane ngezijungqe zeLego, ngoxa abanye bebefaka imibala kumxholo wokhuseleko ezindleleni. Kwakhiwe nesakhiwo esincinane seposi.
Owaphuma kwindawo yesibini kukhuphiswano luka-1 995 lukaMiss South Africa, uNatalie Benard ebekho ukuze azokhuthaza abantwana, kanti abakwaAgfa bebethumele umfoti wabo ukuba ayofota abantwana.
Uvutho-ndaba lweli phulo ibe kukubetwa kweepakethe zokugqibela zeCoca-Cola okwenziwe ngabantu abohlukeneyo ukugqibezela Ie moto.
Unikwe iwonga lokugqibezela le moto uZenani Mandela-Dlamini, intombi kaMongameli waseMzantsi-Afrika, ngomsebenzi wakhe weA.A. Trafflc Safety Foundation. Ziwongiwe nezinye iindwalutho.
Nangona kunjalo, eyona nto itsale umdla kube xa uZozuko Dlamini oneminyaka emithathu (ongumzukulu kaMongameli Nelson Mandela) obencediswa nguNatalie Benard ekubekeni iipakethe zokugqibela kwimoto ebisakhiwa.
Eli phulo ebelinemfundiso enkulu linike bonke abantu ebebekho ithuba lokubandakanyeka, impumelelo nelokonwaba. Bonke abantwana babebandakanyeke ngakupheleleyo. Bonke abantu ebebekho bafumene izipho okanye ikhepsi yeHyndai kanti abantwana abangama-50 bafumene amabhaso.
AbakwaCoca-Cola balixhase ngokupheleleyo eli theko ngokunikela zonke iipakethe zeziselo ekwakhiwe ngazo imoto kumakhaya abantwana.
Eyona nto ibingundoqo kweli phulo ibikukubetheleta into yokuba iziselo ezinganxilisiyo zezona zenza iindlela zikhuseleke. Lo myalezo ubujoliswe kwiintsapho ikakhulu lbe yinto entle ubukho bosapho lukaMongameli waseMzantsi-Afrika ukuze kubonakale ukubaluleka kweli phulo.
Ukwakhiwa kwemoto igqitywe, nomntwana omncinane ebe negalelo ekuyakheni, kubethelele into yokuba abantu abadala bayazakha izinto kodwa ngabantwana abaza kuqhubeka nokwakha nabaza kuba ngabantu abadala bangomso.
Eli phulo libe yimpumelelo ekulumkiseni abantu ngeengozi ezinokubangelwa butywala ezindleleni. Mhlawumbi ngamaphulo afuna ukwenziwa rhoqo ta ukuze sinciphise iingozi ezindleleni zethu.



		BONA XHOSA - September 1 996 51

		BONA XHOSA - September 1996 55

